Bendingubani

Kholeka

Bendingubani na ukuba ndithandwe kangaka x3
Bendingu moni phambi Kwakho,
bendingazi nezwi Lakho
Kodwa Wena wandithanda, wandisondeza,
wandosula inyembezi

Bendingubani na ukuba ndithandwe kangaka x2
Kodwa Wena, wandilanda, wandihlela, wandinika ubomi obutsha
Ndandimdaka x2
Wena wandilanda, wandinika ubomi obutsha

Bendingubani na ukuba ndithandwe kangaka
Isandla Sakho, sahlelumoni onje ngam
Wandithanda Ndingento
Bonke, babethi ndiyiyakayaka
Kodwa wandithanda, wandisondeza, Kuwe

Sekumnyama, Wena wakhanyisa
Sendilila, wandosula inyembeza
Zindishiyile izihlobo zam
Wena wandithuthuzela
Wandiniki'themba elizayo x2


Bandishiyile izihlobo zam
Kodwa Wena wedwa, wandosula izinyembezi
Wema wedwa, wandithanda
Wandinakekela, wandosula izinyembezi

Bendingubani na ukuba ndithandwe kangaka x2

Uyintoni umntu Kuwe, lento umnonelela kangaka x2

Bendingubani na ukuba ndithandwe Nguwe kangaka?
Ndandingu moni, phambi Kwakho, kodwa wasulula izandla zakho
Wena wedwa, wandithanda, wandisondeza
Wandibonisa indlela entle

Bendingubani na ukuba ndithandwe kangaka?
Bnedingubani na
Bendingubani na ukuba ndithandwe kangaka

Lyrics Submitted by Xola Khewu

Lyrics provided by https://damnlyrics.com/